iNtshayelelo
U-2006 uphawula isikhumbuzo sesihlanu sokuqala komThetho wokuPhakanyiswa koFikelelo kuLwazi (Promotion of Access to Information Act), 2000 ("i-PAIA" okanye "umThetho"). Kubantu abaninzi abebebandakanyeka ngokusondeleyo ekuphunyezweni komThetho, oku kuvakala kusisimanga. Kwa oku, kananjalo, ngeke kutshiwo ngabanye abantu abaninzi abo ngenxa yokunqongophala yokuqonda kunye neengxaki eziye zakhona ekuqaleni eziziziphumo zophunyezo olulambathayo olwenziwe ngamaqumrhu karhulumente khange balonwabele ngokupheleleyo eli lungelo lofikelelo kulwazi. Ngaphandle kokuba i-PAIA iyenye yezona nkululeko zinesisa zemithetho yolwazi elizweni, iyaqhuba ikhathazwa ziingxaki ezahlukeneyo zokuphumeza. Oku kunokubalelwa kwizizathu ezininzi, kwaye phakathi kwazo zezi zilandelayo:
Ukunqongophala kokuqondwa kwelungelo ngamalungu oluntu kunye nabagcini bolwazi,
Ukunqongophala kwezakhiwo eziyimfuneko zokuphunyeza ngokufanelekileyo komThetho, umzekelo ugcino lweerekhodi olulambathayo kunye nokungaqeshwa kooSekela maGosa oLwazi, kunye
Nokunqongophala kokwaziswa ukuze kwenziwe izigqibo ngabasebenzi bakarhulumente ngenxa yomkhwa wangaphambile wobumfihlo.
IKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika iyathemba ukuba le Ncwadana iyakunceda ukuphelisa iingxaki zokuphumeza ebezithe mbede i-PAIA ukusukela ekusekweni kwayo, ngokuphakamisa ukuqonda phakathi kwamalungu oluntu kunye nabasebenzi bakarhulumente ekufuneka bancede abantu imihla ngemihla.
Le Ncwadana iqulunqwe ngeenjongo ezintathu ezisengqondweni:
Ukwenza lula i-PAIA kunye nokuqulunqa isixhobo esisebenzisekayo esinokusetyenziswa kwaye esifikeleleka kubo bonke,
Ukunyuswa kokuqondwa kobukho bomThetho kumalungu oluntu kunye nabasebenzi bakarhulumente, kunye
Nokunceda ukususa umkhwa wobumfihlo ozinzileyo othintela ukuhamba ngokukhululeka kolwazi.
Ngethemba le Ncwadana iyakubonakalisa imiba ephathelelayo ejikeleze ukwenziwa kwerekhodi kunye nogcino lwerekhodi olufanelekileyo. Ukuba ngaba iirekhodi azigcinwanga ngokufanelekileyo, oku kunokukhokelela ekubeni abaceli bahlawule izixa ezikhulu zemali ngenxa yokufunwa ixesha elide kweerekhodi. Yiloo nto ke, kubalulekile ukuba iirekhodi zigcinwe kakuhle oku kuquka ulawulo lwesiqhelo ngokunjalo nokurhoxiswa kokubhengezwa.
Okokugqibela, kubalulekile ukuba kwenziwe okuninzi ukugxotha nayiphi na ingcinga kunye nesenzo esifuna ukujika ulwazi lube yinto yorhwebo, ekunokufikelela kuyo kuphela abo baphucukileyo ngokwenza ukuba inkqubo ibe yexande kakhulu ukuba umntu nje oqhelekileyo ayiqonde, kunye nokwenza ukuba ukufumana iirekhodi kubize kakhulu. Ufikelelo kulwazi ngundoqo kunye ne-oksijeni yedemokhrasi yethu. Sisixhobo esiluncedo ekwenzeni ukuba abo basemagunyeni bathathe uxanduva. Ngoko ke kubalulekile ukuba bonke abantu bethu ingakumbi loo malungu ahlelelekileyo nangasiwa so oluntu lwethu abe nako ukulonwabela ngokupheleleyo ilungelo.
IGOSA ELIYINTLOKO ELILAWULAYO: iKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika
Imfuno yale Ncwadana ivele emva kokwaziswa kweSikhokelo seCandelo le-10 sokuqala kwi-PAIA, okwenziwa ngomhla woku-1 Matshi 2005. Kwaye kwacaca ukuba ngexa iSikhokelo isesokunceda amalungu oluntu, i-PAIA iyafuneka ukuba yenziwe lula ukwenzela ukuba kube lula ukuyifunda kwaye ifikeleleke kuluntu. Le Ncwadana ikwaguqulelwe kuzo zolishumi elinanye iilwimi ezisemthethweni, kwaye iyafumaneka ngoMbhalo wamaQhuqhuva (Braille), ukuze ifikeleleke ngokulula.
Ukusuka kumkhwa wobumfihlo kunye nokunqongophala kokuthatha uxanduva, ukuya kumkhwa wokungafihli nto kunye nokuthatha uxanduva ngumceli mngeni. Ngoko ke kubaluleke kakhulu ukuba abemi boMzantsi Afrika ngokunjalo namagosa ukuba baziswe nge-PAIA, kunye nokuba lingasebenza njani ukunceda bona ilungelo lofikelelo kulwazi. Ukuthabatha inxaxheba kwiinkqubo zedemokhrasi kunokusebenza kuphela ukuba ngaba luthabatho nxaxheba olusekelwe elwazini. Ngoko ke kubalukile ukuba i-PAIA ifike idlule kumalungelo emveli ezopolitiko abantu, kunye nokuba yongeze umlinganiso omtsha kwiingxoxo mpikiswano zoluntu kwimiba yemihla ngemihla ekufuneka bajongane nayo abemi.
I-PAIA ingundoqo kutshintsho loluntu lwethu. Ikhuthaza idemopkhrasi ekuthatyathwa kuyo inxaxheba apho abemi benza ukuba urhulumente wabo kunye necandelo labucala bathathe uxanduva. INcwadana ilelinye iphulo elivela kwiKomishini lokwazisa umThetho, kunye nokuqinisekisa ukuba abemi bayisebenzisela okunokunceda bona. Ukubaluleka kunye nobukhulu bendima yoMgaqo-siseko weKomishini wokujonga kunye nokwenza ingxelo ngonyaka ekuphunyezweni kwamalungelo entlalo-qoqosho, bufana nemfanelo yawo phantsi kwe-PAIA, ukuqinisekisa ukuba umThetho uphunyezwa ngokusebenzayo. Njengelungu loluntu ungayisebenzisa i-PAIA ukucela ufikelelo kwirekhodi ebonisa uyilo lukarhulumente ngokuphathelene nezindlu, ukhathalelo lwempilo kunye nolungiselelo lwemfundo. INcwadana injongo zayo kukuqinisekisa ukuba uluntu luyayiqonda i-PAIA njengesithuthi esinokusetyenziswa ukufikelela kwamanye amalungelo.
IKomishini iyathemba ukuba le Ncwadana iya kuba sisixhobo esiluncedo kwimfuno yabantu yokonwabela ilungelo labo lofikelelo kulwazi.
uMkomishinala Leon Wessels uMkomishinala eyiyimfanelo yakhe ilungelo lofikelelo kulwazi iKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika
IZIMVO EZINGUNDOQO
iNkundla - ithetha inkundla apho umntu angafaka khona isicelo ukuba kusonjululwe umcimbi. Ezi nkundla zezi: yiNkundla yoMgaqo-siseko esebenza ngokwemigqaliselo yecandelo le-167 (a) loMgaqo-siseko okanye iNkundla ePhakamileyo okanye enye inkundla enesikhundla esifanayo okanye iNkundla kaMantyi mhlawumbi jikelele okanye ngokuphathelene nodidi olubalulweyo lwezigqibo ngokwemigqaliselo yalo mThetho, owonyulwe nguMphathiswa wezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko ngesazsio esikwiPhepha lasebuRhulumenteni kwaye esichotshelwe ngumantyi okanye umantyi owongezelelweyo owonyulwe ngokwemigqaliselo yecandelo lama-91A kuloo mmandla wotshutshiso -
a isigqibo segosa lolwazi okanye sesiphathamandla esibandakanyekayo okanye sentloko yequmrhu labucala esithathiweyo;
b iqumrhu likarhulumente okanye iqumrhu labucala elibandakanyekayo linendawo yalo engundoqo yolawulo okanye ishishini; okanye c umceli okanye umntu wesithathu obandakanyekayo uhlalela iinjongo zokusemthethweni okanye ungumhlali oqhelekileyo.
QAPHELA:
De ibe iBhodi yemiThetho iwisa imithetho yenkqubo ngokunxulumene nemicimbi ye-PAIA ekufuneka isetyenziswe ziiNkundla zooMantyi, iiNkundla zooMantyi ngeke zense isigqibo kwimicimbi enxulumene ne-PAIA. Kuphela ziiNkundla eziPhakamileyo ezinokuva izicelo ze-PAIA. Jonga kwiSigaba sesi-2 seNcwadana ngamanye amaqumrhu apho imicimbi ye-PAIA ingasonjululwa khona.
Imali ehlawulwayo - isixa semali ehlawulwayo yokulungiswa kwesicelo. I-PAIA iyabonelela ngemali yesicelo kunye nemali yofikelelo. Imali yesicelo ihlawulwa ekuqaleni kwenkqubo xa kungeniswa ifom yesicelo. Imali yofikelelo ihlawulelwa ixesha elithathiweyo okanye elichithiweyo kukhangelwa kwaye kulungiswa irekhodi eceliweyo. Umceli wobuqu akanakude ahlawule imali yesicelo. iSihlomelo A siqulethe uluhlu lweemali ezihlawulwayo.
iNtloko - ngokunxulumene nequmrhu labucala, ithetha kwisihlo somntu oqhelekileyo, loo mntu uqhelekileyo, okanye nawuphi na umntu ogunyaziswe kwangethuba nguloo mntu uqhelekileyo; kwisehlo sobuqabane, naliphi na iqabane kubuqabane okanye nawuphi na umntu ogunyaziswe kwangethuba kubuqabane; kwisehlo somntu onamagunya okwenza izigqibo zequmrhu elisemthethweni igosa eliyintloko elilawulayo okanye igosa elilingana nalo lomntu onamagunya okwenza izigqibo zequmrhu elisemthethweni okanye nawuphi na umntu ogunyaziswe lelo gosa; okanye nawuphi na umntu osebenza njengomntu ogunyaziswe kwangethuba onjalo ngumntu osebenzayo onjalo.
Intloko yequmrhu labucala yimfanelo yalo eyokwamkela umceli kufikelelo kunye nempendulo ngaphaya koko.
IGosa loLwazi - Eli ligosa apho isicelo sofikelelo kwirekhodi / kulwazi kufuneka singeniswe kulo kumaqumrhu karhulumente. Kumgangatho karhulumente wesizwe, igosa lolwazi lesebe elithile nguMlawuli-Jikelele, kumgangatho karhulumente wephondo, uMlawuli-Jikelele kwi-Ofisi yeNkulumbuso ligosa lolwazi lephondo lonke. Kumgangatho woorhulumente basekhaya, uMphathi kaMasipala othile ligosa lolwazi. Kwisehlo salo naliphi na elinye iqumrhu likarhulumente, igosa lolwazi ligosa eliyintloko elilawulayo, okanye igosa elilingana nalo lelo qumrhu likarhulumente.
Isibheno sangaphakathi - isibheno sangaphakathi sibhekiselele kwinkqubo apho umceli angonelisekanga ngesigqibo segosa lolwazi okanye kwisehlo apho isicelo sakhe siye sangahoywa kwaye kwangabikho mpendulo inikwayo kwiintsuku ezingama-30 / kwixesha elongeziweyo leentsuku ezingama-30. Isibheno sangaphakathi kufuneka sifakwe kwisiphathamandla esibandakanyekayo apho inkqubo enjalo isebenzayo. Funda le nkcazo kunye nesiphathmandla esibandakanyekayo.'
Ulwazi loBuqu - luthetha ulwazi malunga nomntu owaziwayo kuqukwa kodwa kunganyinelwanga kulwazi olunxulumene nohlanga, ubuni, isini, ukukhulelwa, isimo somtshato, isizwe, uhlanga okanye imvelaphi, umbala, ukhetho ngokwesini, iminyaka, impilo yomzimba okanye yengqondo, ukuba sempilweni, ukukhubazeka, inkolo, isazela, inkolelo, inkcubeko, ulwimi kunye nokuzalwa komntu, ulwazi olunxulumene nokufunda okanye ezonyango, imbali yolwaphulo-mthetho kunye neyokusebenza yomntu okanye ulwazi olunxulumene neetransekshini zemali umntu ake wabandakanyeka kuzo.
Umceli wobuqu - uthetha umceli ofuna irekhodi equlethe ulwazi lobuqu ngaye.
Iqumrhu likarhulumente - naliphi na isebe likarhulumente okanye ulawulo kwicandelo lesizwe okanye lephondo likarhulumente okanye nawuphi na umasipala kwicandelo lengingqi likarhulumente okanye nawuphi na umsebenzi okanye iziko xa lisebenzisa amagunya okanye lisenza imisebenzi likwenza oko ngokwemigqaliselo yoMgaqo-siseko okanye umgaqo-siseko wephondo okanye lisebenzisa amagunya karhulumente okanye lisenza umsebenzi karhulumente ngokwemigqaliselo yawo nawuphi na umthetho.
Iqumrhu olabucala - lithetha umntu oqhelekileyo oqhuba okanye oqhube naluphi na urhwebo, ishishini okanye umsebenzi; ubuqabane obuqhuba okanye obuqhube naluphi na urhwebo, ishishini okanye umsebenzi; okanye nawuphi na umntu owayenegunya lokwenza izigqibo zequmrhu elisemthethweni okanye okhona ngoku kodwa okhuphela ngaphandle iqumrhu likarhulumente.
iRekhodi - ngokunxulumene nequmrhu likarhulumente okanye elabucala irekhodi ithetha naluphi na ulwazi olushicilelweyo nokuba lolwaluphina uhlobo okanye imo olusezandleni okanye olu phantsi kolawulo lwelo qumrhu likarhulumente okanye labucala, nokuba lwenziwe okanye alwenziwanga lelo qumrhu likarhulumente, okanye labucala.
Isiphathamandla esibaNdakanyekayo - Lo ngumntu osifaka kuye isibheno sangaphakathi. Kumgangatho karhulumente wesizwe, isiphathamandla esibandakanyekayo sesebe elithile nguMphathiswa welo sebe; kumgangatho wephondo liLungu leBhunga eliLawulayo (Member of the Executive Council) - i-MEC yesebe elithile sisiphathamandla esibandakanyekayo, kwaye kumgangatho woorhulumente basekhaya, uSodolophu okanye uSomlomo osisiphathamandla. Isahluko se-9 Amaziko, imibutho exhaswa ngurhulumnete kunye namaqumrhu abucala awanazo iziphathamandla ezibandakanyekayo kwaye ngako oko ukuba ngaba umceli uziva ehlutshiwe sisigqibo segosa lolwazi, kufuneka azise isicelo esichasene nesigqibo esinjalo ngqo enkundleni.
UMceli - nawuphi na umntu owenza isicelo sofikeleo kwirekhodi.
Umntu wesiThathu - ngumntu okanye iqumrhu elinomdla kwirekhodi eceliweyo. Ngokunxulumene nofikelelo kwirekhodi yequmrhu likarhulumente kuthetha nawuphi na umntu (kuqukwa kodwa kungamiselwanga mda, kurhulumente welizwe langaphandle, umbutho wamazwe ngamazwe okanye iziko laloo rhulumente okanye umbutho) ngaphandle komceli obandakanyekayo kunye nequmrhu likarhulumente. Ngokunxulumene nofikelelo kwirekhodi yequmrhu labucala, umntu wesithathu uthetha nawuphi umntu (kuqukwa kodwa kungamiswanga mda kwiqumrhu labucala) ngaphandle komceli.
Iintsuku zokusebenza - Iintsuku zokusebenza zithetha naziphi na iintsuku ngaphandle koMgqibelo neCawe okanye iiholide zikawonke-wonke, njengoko zichaziwe kwicandelo loku-1 loMthetho weeHolide zikaWonke-Wonke, 1994 (umThetho oyiNombolo yama-36 1994).
Kule Ncwadana, ungqinisiso kwisini esinye luyakuquka esinye isini.
ISIGABA SOKU-1
Ufikelelo kulwazi
Imvelaphji yofikelelo kulwazi iRiphabliki yoMzantsi Afrika lilizwe elinolawulo olugqwesileyo lwedemokhasi efunyanwa kwiinqobo ezisemgangathweni zesidima soluntu, ukuphunyezwa kokulingana kunye nokuqhutyelwa phambile kwamalungelo oluntu kunye neenkululeko.1 Le ndlela karhulumente wedemokhrasi kufuneka ingafihli, iphendule kwaye ithathe uxanduva. Ukungafihli ngowona mba ungundoqo kwisizwe sedemokhrasi kwaye kuvumela ukuba abantu bafikelele kulwazi lokuba urhulumente ubenzela ntoni kumacandelo onke okanye yintoni angabenzeli yona, njengoko imeko inokuba njalo.
Ilungelo lofikelelo kulwazi lizinziswe phantsi kwecandelo lama-32 loMgaqo-siseko. ICandelo lama-32 libonelela ngokuba wonke umntu unelungelo lofikelelo kulo nakoluphi na ulwazi olugcinwe ngurhulumente; okanye olugcinwe nguye nawuphi na omnye umntu oluya kusetyenziselwa ukhuselo okanye ukusetyenziswa kwalo naliphi na ilungelo.
Eli lungelo liyasebenza ukwenzela ukuba livumele abantu ukuba bonwabele amanye amalungelo, umzekelo amalungelo entlalo-qoqosho. Amalungelo entlalo-qoqosho aquka izindlu, ukutya kunye nempilo, ipropati, okusingqongileyo okucocekileyo njl. njl. Eli lungelo lofikelelo kulwazi aluvumeli nje kuphela ukuba abantu bonwabele amalungelo abo entlalo-qoqosho, likwavumela ukonwatyelwa kwamalungelo abemi abangekho mkhosini kunye nawezopolitiko. Yiloo nto ilungelo lofikelelo liphakamisa ukungafihli, ukuthatha uxanduva kunye nolawulo olusebenzayo kuwo onke amaqumrhu karhulumente nawabucala, kwaye lixhasa amanye amalungelo oluntu.
uMthetho wokuPhakanyiswa koFikelelo kuLwazi
I-PAIA ngumthetho owenza kusebenze iCandelo lama-32 loMgaqo-siseko. Ubonelela ngelungelo lomThetho lofikelelo kulwazi olugcinwe nguRhulumente. Ubonelela ngelungelo lomthetho eligcinwe lofikelelo kulwazi eligcinwe ngurhulumente, ngokunjalo nolugcinwe ngamaqumrhu abucala.
I-PAIA icazulula umxholo kunye nobubanzi belungelo. Icazulula iinkqubo emazisetyenziswe xa ucela ufikelelo kulwazi, ibonelela ngezizathu apho ulwazi lunokwaliwa khona, kunye namanyathelo angathathwa oncedo xa ufikelelo kulwazi lusaliwa. I-PAIA yaphunyezwa ngo-2000 yaze yaqala ukusebenza ngomhla we-9 Matshi 2001.
Yiloo nto ke i-PAIA isenza umntu ukuba abe nelungelo kulo naluphi na ulwazi olushicilelweyo olusezandleni okanye olulawulwa liqumrhu likarhulumente okanye labucala. Jikelele umThetho ubhekiselele kulo naluphi na ulwazi olushicilelweyo olusezandleni okanye olugcinwe ngamaqumrhu karhulumente okanye awabucala. Ngokwenene, i-PAIA yeyona ndawo yomthetho kwilizwe ngokubanzi eyenza ukuba umntu abe nelungelo lokucela ufikelelo kwiirekhodi zequmrhu labucala, ngaphandle kokuba irekhodi icelwa ukuba kusetyenziswe okanye kukhuselwe ilungelo.
Abantu ukuze baqiniseke ukuba mhlawumbi urhulumente uyababonelela abantu abangaboniyo, nawuphi na umntu, umzekelo, kumdla woluntu, unokucela ulwazi kurhulumente kuyilo lwakhe lokubonelela abantu abangaboniyo ngokuveza indlela ye-Braille kunxibelelwano lwakhe. Abantu kwakhona banokulisebenzisa ilungelo labo lokufikelela ingakumbi kumgangatho woorhulumente bengingqi, apho banokuqondisisa uyilo lukamasipala kulondolozo lweendlela, ukufakwa kweendlela zogutyulo, ukwabiwa kohlahlo lwabiwo-mali njl. njl. Abantu banokusebenzisa ngokungaphaya ilungelo labo lokufikelela kulwazi ukuqondisisa uyilo lolwabiwo lwezindlu kwiSebe leziNdlu lePhondo elibandakanyekayo.
Njengoko kuchaziwe ngasentla, umntu unokufikelela kwakhona kulwazi kumaqumrhu abucala, afana neenkampani ngaphandle kokuba oko kufunelwa ukusetyenziswa kunye nokukhuselwa kwamalungelo omntu, umzekelo umntu unokucela irekhodi yokuba ngamanzi amdaka amangakanani angena emlanjeni ovela kwinkampani yezimbiwa ethile. Ilungelo elikhuselwayo lilungelo lempilo, kunye nelungelo kokusingqongileyo okungenangozi.
Yiloo nto i-PAIA yenza umntu ukuba abe nelungelo lokucela uluhlu lonke lolwazi. Kodwa ke, kananjalo, kukho iirekhodi ezithile ezikhutshelwe ngaphandle ekubeni zicelwe. Uluhlu lolu khutshelo ngaphandle ngokunjalo nezizathu apho iqumrhu likarhulumente kunye nequmrhu labucala anokwala nolwazi zidweliswe phantsi kweSigaba sesi-6 sale ncwadana.
I-PAIA ibonelela ngokuba wonke umntu unelungelo lokufikelela kulwazi. Yiloo nto umntu ngqo okanye umntu onelungelo lokwenza izigqibo (umzekelo inkampani, okanye ishishini elisenokuqhutywa ngumntu omnye) anokucela ufikelelo kulwazi kwiqumrhu likarhulumente okanye kwiqumrhu labucala.
Izicelo zofikelelo kulwazi zinokwenziwa kwakona egameni lomnye umntu okanye lequmrhu labucala. Nanini na umntu ecela ulwazi egameni lomnye, umceli kufuneka ahlomele ubungqina besikhundla enza ngaso isicelo. Umntu ongumgcini womntu ongaphantsi kweminyaka eli-18; okanye umntu ongenako ukuqonda ubunjani besicelo kunokwenziwa isicelo egameni labo. Ukuba ngaba irekhodi imalunga noswelekileyo, ngoko ke umceli kufuneka anike ubungqina besikhundla sakhe, njengesihlobo soswelekileyo, okanye umceli afumane imvume ebhaliweyo kwisihlobo soswelekileyo ukuze enze isicelo.
Kwimeko yomntu ongafundanga, unokwenza isicelo somlomo, esiye ke sihliswe sisiwe ekubhaleni ligosa lolwazi.
Lunokucelwa kubani ulwazi?
Ulwazi lunokucelwa kuwo onke amaqumrhu karhulumente kunye nakumaqumrhu abucala. Umntu unokucela ulwazi / irekhodi kumasebe karhulumente, kumasebe amaphondo, koomasipala, kwimibutho exhaswa ngurhulumente, izibhedlele zikarhulumente, izibhedlele zabucala, kwiinkampani, kumashishini asenokuqhutywa ngumntu omnye, umrhwebi ongundoqo njl.njl.
Imizekelo iquka kodwa ayinyinelwanga kwi:
Kodwa, kufuneka kuqatshelwe ukuba iqumrhu likarhulumente, elifana namasebe esizwe kunye nawamaphondo, icandelo lengingqi likarhulumnete kunye namaqumrhu asebenzisa amagunya awo ngokwemigqaliselo yoMgaqo-siseko - umzekelo, iKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika, uMkhuseli woluNtu, njl. njl. ngeke bacele ulwazi omnye komnye ngokwemigqaliselo ye-PAIA. La maqumrhu karhulumente anokucela ulwazi kuphela phantsi kwe-PAIA oluvela kumaqumrhu axhaswa ngurhulumente kunye namaqumrhu abucala.
Iintlobo zolwazi olunokucelwa
Luninzi ulwazi olunokucelwa kumaqumrhu karhulumente. Oku kulandelayo luluhlu lwemizekelo yolwazi olunjalo:
KuMgangatho kaRhulumente weSizwe
UHlahlo-lwabiwo mali, imigaqo-nkqubo, imali yenkxaso yoncedo kunye nokwabiwa kwayo, amanqanaba emivuzo amagosa karhulumente, uyilo lokwakhiwa kwezikolo, uyilo lokwakhiwa kwezikhululo zamapolisa, uyilo lokulungiswa nokulondolozwa kweendlela zesizwe, uyilo lokwakhiwa kwee-toll - gates, ezobalo zolwaphulo-mthetho lwesizwe, uyilo lokwakhiwa kwezibhedlele zikarhulumente, uyilo lokwakhiwa kunye nokulondolozwa kweentolongo
KuMgangatho kaRhulumente wePhondo
UHlahlo-lwabiwo mali, uyilo lokusebenza lwephondo, ukwabiwa kwezindlu, uyilo lokulondolozwa kweendlela, uyilo lokwakhiwa kwezikolo zikarhulumente kummandla othile, ulungiselelo lwezithuthi zikawonke-wonke ooMasipala
UHlahlo-lwabiwo mali, Izintlu zamaxabiso, ii-akhawunti zenkonzo, uyilo lokwakha, ukubhaliswa kwepropati, uluhlu lokuhlola, uyilo lokufezekiswa kweenkonzo (amanzi, umbane, ukususwa kwenkunkuma, indlela yogutyulo), uyilo lwezibonelelo zolonwabo kummandla othile uyilo lokwakhiwa kwamathala eencwadi
ISIGABA SESI- 2
iNkqubo
Usenza njani isicelo sofikelelo kwirekhodi evela kwiqumrhu likarhulumente?
Nanini na umntu (umceli) efuna ukucela ulwazi kwiqumrhu likarhulumente, kufuneka asenze ngokubhalwe phantsi isicelo esinjalo. I-Fom A kufuneka igcwaliselwe isicelo kwiqumrhu likarhulumente. UMceli akanyanzelekanga ukuba anike i (zi) sizathu sokuba kutheni ecela irekhodi nje kwiqumrhu likarhulumente. Kubalulekile ukuqaphela ukuba ileta ecela irekhodi okanye umnxeba okanye isicelo seposi yeletroniki ayisosicelo ngokwemigqaliselo ye-PAIA. Ukuba ngaba iFom A ayigcwaliswanga, akukho ukuvumelana ne-PAIA kwaye ngoko ke umceli ngeke athembele kwi-PAIA ngalo naluphi na uncedo ngokwemigqaliselo leyo.
Kumaqumrhu karhulumente, ifom kufuneka ingeniswe kwigosa lolwazi, kunye nentlawulo yokuhlawulela isicelo esisixa sama-R35.00. IFom A kufuneka ingeniswe kwigosa lolwazi ngesandla kwidilesi yalo yesitalato, okanye ithunyelwe ngefeksi okanye ithunyelwe ngeposi yeletroniki.
Njengoko sele kukhankanyiwe ngaphambile, amagosa olwazi amaqumrhu karhulumente anyanzelekile ukuba ancede abantu, abo ngenxa yokungafundi okanye ngenxa yokukhubazeka bangenako ukugcwalisa iifom xa besenza izicelo. Igosa lolwazi kufuneka lizehlisele ekubhalweni phantsi izicelo zabo zomlomo.
Kwenzeka ntoni emva kokungeniswa kwesicelo kwiqumrhu likarhulumente / Ukuphathwa kwesicelo?
Emva kokungeniswa kweFom A kwigosa lolwazi kunye nentlawulo yemali ehlawulelwa isicelo, igosa lolwazi kufuneka liphendule kwisicelo kwiintsuku ezingama-30. Igosa lolwazi linokulolula ixesha leentsuku ezingama-30 kanye kuphela iintsuku ezingama-30 ezingaphaya, emva kokwaziswa okubhalwe phantsi kunye nezizathu zololulo olunjalo kumceli.
Apho igosa lolwazi lenza isigqibo sokunika umceli ufikelelo kwirekhodi, kufuneka likhombise umceli ukuba kufuneka ahlawule imali yofikelelo (ukuba kukho nayiphi) ngexesha elichithiweyo kukhangelwa kwaye kulungiswa irekhodi, kwaye axele uhlobo ufikelelo oluya kunikwa ngalo.
Kwisehlo apho ufikelelo lwaliwayo, igosa lolwazi kufuneka linike umceli izizathu zokwala okunjalo kwaye lixele icandelo elikhethekileyo ekuthenjelwe kulo phantsi kwezizathu zokwala ngokwemigqaliselo ye-PAIA.
Kuyakwenzeka ntoni ukuba ngaba isicelo sam asiphendulwanga kwiintsuku ezingama-30 / kwiintsuku ezingama-30 zexesha elongeziweyo okanye ndinemvakalelo yokuba ndihlutshiwe sisigqibo segosa lolwazi?
Apho isicelo sofikelelo singahoywanga nje ngokulula okanye igosa lolwazi lisilele ukuphendula isicelo kwiintsuku ezingama-30 okanye kwixesha elongeziweyo leentsuku ezingama-30 ezingaphaya, oko kungaphenduli kunjalo kucingelwa ukuba kukwala.
Xa iqumrhu likarhulumente linesiphathamandla esibandakanyekayo endaweni, umceli unokuthi ke afake isibheno sangaphakathi kwisiphathamandla esibandakanyekayo, kusilelo lokuphendula kwegosa lolwazi. Inkqubo yesibheno sangaphakathi mayifakwe kwisiphathamandla esibandakanyekayo kwiintsuku ezingama- 60 ezisukela kumhla igosa lolwazi ebekumele lenze ngazo isigqibo esiphathelene nesicelo. Kananjalo, apho iqumrhu likarhulumente lingenaso isiphathamandla esibandakanyekayo esisebenzayo, umceli kufuneka enze isicelo esiya enkundleni esichasene nesigqibo negosa lolwazi.
Kukho inani lezehlo umceli angaziva ehlutshiwe kuzo sisigqibo segosa lolwazi. Umceli angahlutshwa: sisigqibo segosa lolwazi sokungalukhuphi ulwazi oluceliweyo; isigqibo segosa lolwazi sokulukhupha ulwazi kodwa lisuse iinxenye ezithile ukude kuyokuma ekubeni isidima serekhodi sibe sehlazweni, kuba ulwazi luyakube lungenzi nto ivakalayo, ubungakanani bemali yofikelelo umceli ekuya kufuneka ayihlawule, uhlobo lofikelelo olunikiweyo, okanye ukolulwa kwexesha lokusebenza ngesicelo.
Kuzo naziphi na kwezi zihlo, umceli unokufaka isibheno sangaphakathi kwisiphathamandla esibandakanyekayo, kwiintsuku ezingama-60 zokufumana isigqibo esivela kwigosa lolwazi. Umceli kufuneka agcwalise iFom B ukufaka isibheno sangaphakathi kwisiphathamandla esibandakanyekayo.
Ukuba ngaba umceli akonelisekanga sisigqibo sesiphathamandla esibandakanyekayo, okanye ukuba ngaba isiphathamandla asiphenduli kwisibheno sangaphakathi, umceli unokufaka isicelo enkundleni ngokwemigqaliselo ye-PAIA. Isicelo esiya enkundleni kufuneka senziwe kwiintsuku ezingama-30 emva kokuba isigqibo senziwe sisiphathamandla esibandakanyekayo, okanye ukusilela ukuphendula kwesiphathamandla esibandakanyekayo.
Usenza njani isicelo sofikelelo kwirekhodi kwiqumrhu labucala?
Naninini na umntu (umceli)efuna ukwenza isicelo solwazi kwiqumrhu labucala, kufuneka asenze ngokubhalwe phantsi isicelo esinjalo. IFom C kufuneka igcwaliswe xa kusenziwa isicelo kwiqumrhu labucala. Umceli unyanzelekile ukunika na(zi)siphi na isizathu sokuba kutheni ecela loo rekhodi nje kwiqumrhu labucala ngokukhombisa ilungelo alifunayo lokusebenzisa okanye ukukhusela ngokucela ulwazi olufunwayo.
IFom C mayingeniswe kwintloko yelo qumrhu labucala kunye nentlawulo yemali yesicelo esisixa sama-R50.00. Intloko yequmrhu labucala kufuneka isiphendule isicelo sofikelelo kwiintsuku ezingama-30 zokufunyanwa kwaso. Intloko yequmrhu labucala inokulolula ixesha leentsuku ezingama - 30 kanye kuphela, iintsuku ezingama-30 ezingaphaya, emva kwesaziso esibhaliweyo esinezizathu zolo lolulo kumceli.
Kuyakwenzeka ntoni ukuba isicelo sam asiphendulwanga kwiintsuku ezingama-30 / kwixesha elongeziweyo leentsuku ezingama-30 okanye ndinemvakalelo yokuba ndihlutshwa sisigqibo sentloko yequmrhu labucala?
Apho intloko yequmrhu labucala isilela ukuphendula kwisicelo sofikelelo, umceli unokufaka isicelo kwinkundla ngentsilelo enjalo yokuphendula kwiintsuku ezingama-30 zomhla apho intloko yequmrhu labucala bekufanele yenze isigqibo ngalo ngesicelo.
Apho umceli ahlutshwe khona sisigqibo sentloko yequmrhu labucala sokwala isicelo sofikelelo, okanye sisigqibo esiphathelene nemali ehlawulwayo ngokunxulumene nofikelelo kwiirekhodi zequmrhu labucala; ngohlobo lofikelelo, okanye ngokolulwa kwexesha leentsuku ezingama - 30 ukuze kusetyenzwe ngesicelo, umceli kwiintsuku ezingama-30 unokufaka isicelo kwinkundla ngokuchasene nesigqibo esinjalo kunye nesiqabu esifanelekileyo.
Eminye imiButho yoNcedo
Njengenye indlela yokuzisa isicelo enkundleni, umceli unokusifaka isikhalazo kwi-Ofisi yoMkhuseli woluNtu ukuba lo wakamva adlale indima yolamlo noxolelwaniso, okanye athetha-thethane namaqela ukusombulula imbambano. Umceli unokuwudlulisela kwakhona umcimbi / isikhalazo kwiKomishini yamaLungelo oluNtu ukuba ilamle, yenze uthetha-thethwano okanye uxolelwaniso ngokwemigqaliselo yamagunya ayo, phakathi kwamaqela apho umceli alelwa khona ufikelelo okanye ahlutshwa sisigqibo segosa lolwazi okanye sentloko yequmrhu labucala.
Linokulibazisa ufikelelo
Uze uHlawule iMali Linokulolula ixesha
uMceli ukuba Akonelisekanga / UKUPHENDULA Kufuneka liphendule
Masenze isigqibo
Faka isiBheno sangaPhakathi NGENISA Isiphathamandla kwiintsuku ezingama-60 siBandakanyekayo
Umceli Ukuba ngaba iSiphathamandla
Esibandakanyekayo asenzi
Isigqibo kwiSibheno okanye ekuchithweni kweSibheno
Faka isicelo kwiNkundla ePhakamileyo
Umceli
Linokulibazisa ufikelelo
Uze uHlawule iMali Linokulolula ixesha leentsuku
uMceli ukuba Akonelisekanga UKUPHENDULA Kufuneka aphendule
Faka isicelo kwiNkundla ePhakamileyo kwiintsuku ezingama-30
Umceli
Uze uhlawule imali Linokulolula ixesha leentsuku yesicelo engama-R50,00 ezingama-30
uMceli ukuba Akonelisekanga UKUPHENDULA Kufuneka aphendule
Faka isicelo kwiNkundla ePhakamileyo
ISIGABA SESI-3
Ulungiselelo lomntu wesithathu
Apho kukho khona umntu irekhodi ecelwayo inxulumene naye, okanye apho umntu othile anomdla kuloo rekhodi, umntu onjalo waziwa njengomntu wesithathu. Kwimeko enjalo, igosa lolwazi kufuneka lithathe onke amanyathelo afunekayo okuxelela loo mntu wesithathu ngesicelo, kwaye kufuneka likwenze oko kwiintsuku ezingama-21 ezisemva kokuba isicelo sifunyenwe.
Umntu wesithetho unokwenza intetho yomlomo okanye ebhaliweyo kwigosa lolwazi kunye/okanye anike imvume ebhaliweyo yokukhulula irekhodi kwiintsuku ezingama-21, emva kokuba azisiwe ngesicelo.
Emva kokuba lithathele ingqalelo efunekayo kwintetho yomntu wesithathu, igosa lolwazi kufuneka lenze isigqibo sokuba mhlawumbi liyalunika na ufikelelo okanye hayi. Ukwala ukuvuma komntu wesithathu akuthethi ukuba ulwazi luyakugcinwa.
Ukudluliswa kweSicelo
Imfuno yokudluliswa kwesicelo ivela apho isicelo senziweyo khona, umzekelo kwiSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko, engekho kulo okanye engenalo ulawulo kwirekhodi eceliweyo. Endaweni yoko irekhodi ibe iphantsi ikwiSebe lezoLimo okanye iphantsi kolawulo lwalo. Xa kusenzeka oko, igosa lolwazi kwiSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko, kufuneka kwiintsuku ezili-14, lidlulisele isicelo kwigosa lolawulo leSebe lezoLimo. Igosa lolwazi lesebe lamva kufuneka liqale ngeso sicelo ngokungathi belingumamkeli wokuqala wesicelo.
Ukulityaziswa koFikelelo kwiRekhodi
Igosa lolwazi linokululibazisa ufikelelo kwirekhodi, ukuba ngaba irekhodi iza kupapashwa kwiintsuku ezingama-90 ezisemva kokufunyanwa okanye zokudluliswa kwesicelo, okanye ixesha elingaphaya elifunelwa ukushicilelwa okanye ukuguqulwa kwerekhodi. Ufikelelo kwirekhodi lunokulityaziswa kwakhona ukuba ngaba ifunwa ngumthetho ukuba ipapashswe kwaye isaza kupapashwa. Ufikelelo kwirekhodi lunokulityaziswa ngokungaphaya ukuba ngaba ilungiselelwe ukuba ingeniswe kuyo nayiphi na indlu yowiso-mthetho okanye emntwini, kwaye ibe isaza kungeniswa. Ufikelelo lunokulityaziswa kwezi meko zingasentla ixesha elifanelekileyo.
Igosa lolwazi kufuneka limazise umceli kwiintsuku ezingama-30 emva kokuba isaziso sokulibazisa sinikiwe, ukuba umceli angathetha naye, ukuba kutheni irekhodi ifunwa phambi kopapasho okanye kongeniso, kwaye kwakhona ngexesha lolibaziso.
Ukuba ngaba iintetho ezinjalo zenziwe, igosa lolwazi kufuneka linike izizathu ezifanelekileyo zokukholelwa ukuba ulibaziso aluyi kuba ngecala lomceli ukuba ngaba ufikelelo luyalityaziswa.
Ukwahluka kweRekhodi
Ukwahluka kumalunga nokwahlukana, ukucinywa, okanye ukufihla ulwazi oluqulethwe kwirekhodi. Igosa lolwazi linokwahlukanisa, licime okanye lifihle iinxenye zolwazi oluqulethwe kwirekhodi. Oku kwenzeka xa ulwazi oluthile kwirekhodi lungenakukhululwa. Igosa lolwazi linokusika iinxenye zaloo rekhodi, kwaye libambe oko kunokwaliwa ngokungqinelana nezizathu zokwala kumThetho.
Ngokusikwa okufanelekileyo kwerekhodi, igosa lolwazi kufuneka liqinisekise ukuba isidima serekhodi asibekwa ehlazweni ukuba ide iphulukane nentsingiselo. (Jonga kwiSihlomelo B ngemizekelo yerekhodi efihliweyo apho ke isidima siye sibe sehlazweni, kunye nalapho nokuba ifihliwe isidima serekhodi siyagcineka.)
uHlobo loFikelelo apho ufikelelo kwirekhodi lunikiweyo, kwaye emva kokuhlawula imali yofikelelo, umceli angafikelela kwirekhodi ngale ndlela ilandelayo:
Ukuba ngaba irekhodi ingohlobo olubhalwe ngesandla okanye olushicilelweyo, ngokufumana ikopi okanye ngokuyihlola irekhodi,
Ukuba ngaba irekhodi ingemifanekiso, ulunguselelo kufuneka lwenziwe ukuze umceli ayibone imifanekiso okanye afumane iikopi okanye ikhutshelwe,
Apho ulwazi lushicilelweyo khona kwaye lunokuphinde luveliswe ngohlobo lwesandi, ulungiselelo lunokwenziwa ukuze umceli azive ezo zandi. Apho ukhutshelo olubhalwe phantsi nolushicilelweyo lwezo zandi lunokwenziwa, ukhutshelo olunjalo kufuneka lunikwe. Iqumrhu likarhulumente kufuneka linike ufikelelo ngale ndlela kuphela ukuba linaso isixhobo, esifumaneka ngokuqhelekileyo kulo,
Apho irekhodi igcinwe khona kwikhompyutha, okanye ngeletroniki okanye ngohlobo olufundeka kumatshini, ikopi ke ngoko kufuneka inikwe umceli,
Ukuba ngaba umceli ukhubazekile kwaye oko kukhubazeka kuyamthintela ukuba afunde, ajonge okanye amamele irekhodi ebandakanyekayo, amagosa olwazi kufuneka athathe amanyathelo afanelekileyo enze ukuba irekhodi ifumaneke ngendlela eyakwenza ukuba ibe nako ukufundeka, ijongeke okanye iviwe ngumceli, Umceli, koko, kunokungafunwa ukuba ahlawule imali yofikelelo, engaphezulu kwemali ebekuya kufunwa ukuba ayihlawule ngenxa yokukhubazeka,
Apho umceli anokufikelela kwirekhodi ngendlela yokuhlola, ukujonga okanye ukuva, umceli unokwenza iikopi okanye akhuphele irekhodi esebenzisa isixhobo somceli.
Ukuba ngaba isibheno sangaphakathi okanye sasenkundleni sifakiwe ekunikweni kwesicelo sofikelelo kwirekhodi, ufikelelo lunokunikwa kuphela xa isigqibo sokusinika siqinisekisiwe ekugqibeleni.
uLwimi lofikelelo
Xa ufikelelo kwiirekhodi lunikiwe, umceli kufuneka alunikwe ufikelelo ngolwimi alukhethayo, ukuba lukhona. Apho irekhodi ingekhoyo khona ngolwimi olukhethwayo okanye umceli engalukhombisanga ulwimi alukhethayo, irekhodi mayinikwe ngalo naluphi na ulwimi olukhoyo.
Ulondolozo lweerekhodi
Igosa lolwazi kufuneka lilondoloze irekhodi de isigqibo sokugqibela senziwe. Zonke iirekhodi eziphathelene neso sicelo kufuneka zingabhucabhucwa, zirhoxiswe, zitshatyalaliswe, zilahlwe okanye zenziwe zingabi yonyani.2
Kukho ingxaki ngokuphathelene nokugcinwa - kwerekhodi kuwo omabini amaqumrhu elikarhulumente nelabucala. Amaqumrhu karhulumente nawabucala anemigaqo-nkqubo yawo eyiyeyawo kugcino - lwerekhodi. I-PAIA ayiwenzi ummiselo wokuba kufuneka lushicilelwe njani na ulwazi.
Ugcino lweerekhodi olulambathayo luneempembelelo ezimbi kwimali yofikelelo ekufuneka ihlawulwe kwixesha elichithiweyo kukhangelwa kunye nokulungiswa kwerekhodi. Lukwaneempembelelo kuniko lolwazi ngoko nangoko; oku kunokubonwa kwiimeko apho ulwazi lufunwa ngokungxamisekileyo kwaye belunokunikwa ngoko nangoko.
Izenzo ezilungileyo zolawulo lweerekhodi ziyakunceda iziphathamandla ukuba zihlangabezane nemisebenzi yazo phantsi komThetho. Ziyakuqinisekisa ukuba ukwenziwa kweerekhodi ekunokuthenjelwa kuzo, ekulula ukuzifumana, kwenza kube lula ukusebenza ngokukhawuleza ngezicelo zofikelelo kulwazi, kwaye kunika ulungiselelo lokufaka koovimba okanye ukutshatyalaliswea kweerekhodi.3
ISIGABA SESI-4
Iimfanelo zamaGosa oLwazi amaqumrhu kaRhulumente iCandelo le-14 iiNcwadana zamaQumrhu kaRhulumente
INcwadana luxwebhu ekufuneka luqulunqwe ngawo onke amaqumrhu akhoyo karhulumente. Amaqumrhu asanda kusekwa kufuneka aqulunqe incwadana kwiinyanga ezintandathu zobukho bawo kwelo qumrhu likarhulumente. Incwadana kufuneka iqulathe igama nedilesi yequmrhu likarhulumente, iinkonzo ezinikwa liqumrhu likarhulumente, uluhlu lweerekhodi iqumrhu likarhulumente elinalo kunye nolwazi lokuba uluntu lungafikelela njani kwezo rekhodi. Iqumrhu likarhulumente ngalinye kufuneka liqulunqe incwadana okungenani ngezintathu iilwimi ezisemthethweni kwaye zikungenise oku kwiKomshini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika. Incwadana kwakhona kufuneka yenziwe ukuba ifumaneke kwi-website yequmrhu likarhulumente, ukuba kukho naliphi na kunye nakwi-ofisi nganye yequmrhu likarhulumnete. Iqumrhu likarhulumente ukuba ngaba kukho imfuneko kufuneka lihlaziye kwaye lipapashe incwadana yalo kumakhefu angekho ngaphezulu konyaka omnye.
iCandelo le-15: Ukuxela ngokuzithandela
Icandelo ngalinye likarhulumente kufuneka liqulunqe iindidi zeerekhodi esele zilungele ukufumaneka, ngaphandle kokucela ulwazi ngokwemigqaliselo ye-PAIA. Olu hlobo lolwazi, apho umntu anokuba nofikelelo ngaphandle kokuba loo mntu alandele iimfuno zenkqubo phantsi komThetho. Ezi ndidi zeerekhodi kufuneka zingeniswe kuMphathiswa wezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko. Olu lwazi kwakhona kufuneka luqukwe kwincwadana zecandelo le-14.
QAPHELA:
Amaqumrhu abucala anokuqulunqa iindidi zeerekhodi esele zilungele ukufumaneka, ngaphandle kokuba iirekhodi ezinjalo zicelwe ngokusesikweni ngumceli ngokwemigqaliselo yei-PAIA.
iCandelo le-17 - Ukonyulwa kooSekela maGosa oLwazi kunye noGunyaziso
Ukwenzela ukuba iirekhodi zequmrhu likarhulumente zifikeleleke lula kangangoko kunokwenzeka kumceli, iqumrhu likarhulumente kufuneka lonyule oosekela magosa olwazi. Igosa lolwazi linokunikezela ngamagunya alo kusekela gosa wolwazi. Ugunyaziso olunjalo kufuneka lubhalwe phantsi kwaye lunokurhoxiswa ngalo naliphi na ixesha.
iCandelo lama-32: Iingxelo eziya kwiKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika
Wonke umntu kufuneka angenise ingxelo ngonyaka (ixesha lokwenza ingxelo -1 Aprili ukuya kuma-31 Matshi) kwiKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika enamagqabantshintshi ngenani lezicelo ezingenisiweyo kwelo qumrhu likarhulumente kwaye elo qumrhu lisebenze njani nezo zicelo. Kufuneka kukhonjiswe kwingxelo ukuba zizicelo ezingaphi na ezanikwa ngokupheleleyo; zingaphi ezaliwayo; zingaphi ezanikwa ngokwemigqaliselo yecandelo lama-46 kunye nezo zanikwa ngokuyinxalenye kunye nenani lamaxesha ummiselo ngamnye weli candelo kwathenjelwa kuwo ukwalela ufikelelo olupheleleyo okanye inxalenye yalo; inani lezihlo apho ixesha leentsuku ezingama-30 laye longezwa; inani lezibheno ezifakiweyo ngenxa yokwaliwa okucingelwayo, inani lezicelo eziye enkundleni ngenxa yezibheno zangaphakathi ezithathwa ngokuba zichithiwe. (Jonga kwisiHlomelo C - icandelo lama-32 lesampuli yengxelo)
Umsebenzi wegosa lolwazi wokunceda umceli
Xa umceli exelela igosa lolwazi ngequmrhu labucala anomnqweno wokwenza isicelo sofikelelo kwiirekhodi zelo qumrhu likarhulumente, igosa lolwazi kufuneka lulunike olo ncedo lufanelekileyo, ngaphandle kwentlawulo, ukuze umceli abe nako ukugcwalisa ifom emiselweyo.
Apho isicelo sofikelelo singavumelaniyo nemimiselo ye-PAIA, igosa lolwazi ngeke lisale isicelo ngenxa yoko kungavumelani, ngaphandle kokuba igosa lolwazi limazise ngokubhalwe phantsi umceli ngenjongo yokwala isicelo, kunye nezizathu zenjongo yokusala isicelo kunye nokuba igosa lolwazi okanye elinye igosa liyakunika uncedo kumceli, ukwenzela ukuba isicelo senziwe ngendlela eya kwenza ukuba singabikho isizathu sokwala.
Apho kufanelekileyo kunokwenzeka, igosa lolwazi kufuneka kwakhona linike umceli ukongeza kulwazi oluceliweyo (apho ufikelelo lunokunikwa khona okanye lunokwaliwa), naluphi na ulwazi olugcinwe liqumrhu likarhulumente, kwaye olubalulekileyo kwisicelo.
Igosa lolwazi kufuneka linike umceli ithuba elifanelekileyo mhlawumbi lokuqinisekisa okanye lokutshintsha isicelo, ukwenzela ukuba singqinelane nefom yezicelo.
Igosa lolwazi kufuneka liphendule kwisicelo sofikelelo kwiintsuku ezingama-30, emva kokufunyanwa kwesicelo. Igosa lolwazi linokulolula ixesha leentsuku ezingama-30, kanye kuphela kwaye iintsuku ezingama-30. Igosa lolwazi lenze isigqibo sokuba mhlawumbi lingasivumana isicelo, kwaye kufuneka livume ngokubhalwe phantsi kumceli ngesi sizathu.
Ukuba ngaba emva kokuba ilifumene isicelo igosa lolwazi, kuye kwacaca ukuba isicelo bekufanele ukuba senziwe kwelinye iqumrhu likarhulumente, igosa lolwazi kufuneka linike olo ncedo luyimfuneko lunjalo ukwenzela ukuba umntu abe nako ukwenza isicelo kwigosa lolwazi lequmrhu likarhulumente elifanelekileyo, okanye kufuneka lidlulisele isicelo kwigosa lolwazi elibandakanyekayo, nokuba yeyiphi na enokunceda.
Apho isicelo sofikelelo senziwa kwigosa lolwazi lequmrhu likarhulumnte kwaye irekhodi ingekho okanye ingekho phantsi kolawulo lwelo qumrhu, kodwa ikwelinye iqumrhu likarhulumente; okanye apho umxholo womxholo werekhodi eceliweyo unxulumene ngokufutshane nemisebenzi yelinye iqumrhu likarhulumente, igosa lolwazi kufuneka kwiintsuku ezili-14 emva kokuba sifunyenwe isicelo, sidlulisele isicelo kwigosa lolwazi lelinye iqumrhu likarhulumente elibandakanyekayo. Igosa lolwazi kufuneka lazise umceli ngoku ngokubhalwe phantsi.
Ukuba ngaba isicelo sofikelelo sinikiwe, isaziso kufuneka sixele imali yofikelelo (ukuba ikhona) emayihlawulwe kufikelelo, kunye nohlobo oluya kunikwa ngalo ufikelelo. Isaziso kufuneka sixele kwakhona ukuba umceli unokufaka isibheno sangaphakathi okanye isicelo enkundleni, njengoko imeko inokufuna.
Ukuba ngaba isicelo sofikelelo saliwe, isaziso masixele izizathu ezaneleyo zokwaliwa, kuqukwa nemimiselo ye-PAIA ekuthenjelwe kuyo. Isaziso masixele kwakhona ukuba umceli unokufaka isibheno sangaphakathi okanye isicelo enkundleni, oko kuxhomekeke kwimeko, ekwaliweni kwesicelo, kwaye kufuneka akhombise inkqubo kunye nexesha, lokufaka isibheno sangaphakathi okanye isicelo, njengoko imeko inokufuna.
ISIGABA SESI-5
Iimfanelo zeentloko zamaqumrhu abucala
Iintloko zamaqumrhu abucala kufuneka ziqulunqe incwadana ngokwemigqaliselo yecandelo lama-51 le-PAIA kwaye ziyingenise kwiKomishini yamalungelo oluNtu yoMzantsi Afrika; kunye nequmrhu elilawulayo apho eloqumrhu labucala lililungu lalo, ukuba likhona. Kufuneka kwakhona lenze ikuba incwadana ifumaneke kwi-web site yalo, ukuba ikhona. Amaqumrhu abucala awanyanzelekanga ukuba aqulunqe incwadana ngeelwimi ezintahu.
Nangona, ukhutshelo ngaphandle okwangoku lunikiwe kumaqumrhu abucala ngokunxulumene nokuqulunqwa kweencwadana zawo. Jonga kwSihlomelo D.
ISIGABA SESI-6
Ukukhutshelwa ngaphandle kweerekhodi ekusetyenzisweni kwe-PAIA kunye neziZathu zokwala ufikelelo kwirekhodi
Njengoko sekuxeliwe ngaphambili, kukho imida kwilungelo lofikelelo kulwazi. Ikhona ngokohlobo lokukhutshelwa ngaphandle, kunye nezizathu apho igosa lolwazi lingathembela kuzo ukwala ufikelelo olubonelelweyo kwi-PAIA.
I-PAIA idwelisa inani leerekhodi ezikhutshelwa ngaphandle ekubeni kwenziwe isicelo sazo.
Ezi ziirekhodi zekhabhinethi kunye neekomiti zazo, iirekhodi ezinxulumene nemisebenzi yokugweba yeenkundla ekubhekiselelwe kuyo kwicandelo le-166 loMgaqo-siseko, iirekhodi zeeNkundla zamaTyala eziKhethekileyo ezisekwe ngokwemigqaliselo yecandelo lesi-2 lomThetho weeYunithi zoPhando eziKhethekileyo kunye neeNkundla zamaTyala eziKhethekileyo oyiNombolo yama-74 ka-1996, iirekhodi zegosa eligwebayo lenkundla enjalo okanye leNkundla yamaTyala eKhethekileyo, iirekhodi zamalungu angawodwa ePalamente okanye lendlu yowiso-mthetho yephondo kweso sikhundla, okanye iirekhodi ezinxulumene nesigqibo ekubhekiselelwe kuso kumhlathi (gg) lenkcazo ye- 'senzo solawulo' kwicandelo loku-1 lomThetho wokuPhakanyiswa koLawulo lobuLungisa, oyiNombolo yesi-3 ka-2000, ngokuphathelene nonyulo, ukhetho okanye ukuqeshwa kwegosa eligwebayo okanye nawuphi na umntu yiKomishini yeNkonzo yokuGweba ngokwemigqaliselo yawo nawuphi na umthetho.
Izizathu zokwala ufikelelo kwirekhodi
Ufikelelo kwiirekhodi lunokwaliwa, kwaye i-PAIA idwelisa izizathu ezahlukeneyo apho iqumrhu likarhulumente okanye labucala lingathembela kuzo ekwaleni ufikelelo. Kukho izizathu ezinyanzelekileyo kunye nezixhomekeke kwingqiqo yomntu. Izizathu ezinyanzelekileyo zokwala ziyimfuneko ukuthintela impixano yemithetho kunye nokukhusela imidla ethile. Umzekelo umdla onxulumene nokhuselo lwesizwe, umdla wamaqumrhu athile karhulumente, njengeenkundla, iPalamente, ngokunjalo nomdla worhwebo, imidla yomntu wesithathu njl njl.
Izizathu zokwala ufikelelo kwiirekhodi ezigcinwe liqumrhu likarhulumente
Ezi zilandelayo zizizathu zokwala, apho igosa lolwazi lequmrhu likarhulumente lingathembela kuzo ukwala ufikelo kwirekhodi:
Ukhuselo olunyanzeliswayo lobucala kumntu wesithathu ongumntu nje oqhelekileyo
Ukhuselo olunyanzeliswayo lolwazi ngezorhwebo lomntu wesithathu
Ukhuselo olunyanzeliswayo lolwazi oluthile oluyimfihlo, kunye nokhuselo lolunye ulwazi oluthile, lomntu wesithathu
Ukhuselo olunyanzeliswayo lokhuseleko lwabantu abangabodwa, kunye nokhuselo lwepropati
Ukhuselo olunyanzeliswayo lweedokethi zamapolisa kwiinkqubo zebheyile, kunye nokhuselo lokunyanzelwa komthetho kunye neenkqubo zomthetho
Ukhuselo olunyanzeliswayo lweerekhodi ezililungelo elilodwa ekubeni ziveliswe kwiinkqubo zomthetho
Ukhuselo, ukhuseleko kunye nonxulumano lwamazwe ngamazwe lweRiphabliki
Umdla wezoqoqosho kunye nentlalontle yezimali yeRiphabliki kunye nemisebenzi yorhwebo yamaqumrhu karhulumente
Ukhuselo olunyanzeliswayo lolwazi lophando lomntu wesithathu, kunye nokhuselo lolwazi lophando
Ukusebenza kwamaqumrhu karhulumente
Isicelo semfeketho esicacileyo okanye esicaphukisayo, okanye utshintsho lwezibonelelo olukhulu nolungafanelekanga
Ezi zizathu, nangona kufuneka ziveyishwe ekubeni ngaphandle kobukho bezi zizathu, umdla kawonke wonke unokukwedlula ukwala kwaye ke ngoko ufikelelo kufuneka lunikwe:
Izizathu zokwaliwa kofikelelo kwiirekhodi ezigcinwe liqumrhu labucala
Ezi zilandelayo zizizathu zokwala apho intloko yombutho wabucala inokuthembela kuzo ukwala ufikelelo kwirekhodi:
Ukhuselo olunyanzeliswayo lobucala kumntu wesithathu ongumntu nje oqhelekileyo
Ukhuselo olunyanzeliswayo lolwazi ngezorhwebo lomntu wesithathu
Ukhuselo olunyanzeliswayo lolwazi oluthile oluyimfihlo lomntu wesithathu
Ukhuselo olunyanzeliswayo lokhuseleko lwabantu abangabodwa, kunye nokhuselo lwepropati
Ukhuselo olunyanzeliswayo lweerekhodi ezililungelo elilodwa ekubeni ziveliswe kwiinkqubo zomthetho
Ulwazi lwezorhwebo lwequmrhu labucala
Ukhuselo olunyanzeliswayo lolwazi lophando lomntu wesithathu, kunye nokhuselo lolwazi lophando lwequmrhu labucala
Ezi zilandelayo zizizathu zokwala apho intloko yombutho wabucala inokuthembela kuzo ukwala ufikelelo kwirekhodi:
ISIGABA SESI-7
Amatyala
Umntu othi ngenjongo yokwalela ilungelo lofikelelo kulwazi ngokwemigqaliselo ye-PAIA atshabalalise; onakalise okanye atshintshe irekhodi; acime irekhodi; enze ingabiyonyani irekhodi okanye enze irekhodi engeyonyani, wenza ityala kwaye kufuneka agwetye isohlwayo okanye avalelwe ixesha elingadluliyo kwiminyaka emibini.
Igosa lolwazi eliye ngenkani okanye ngokungahoyi okukrwada lingayithobeli imimiselo yecandelo le-14 (ukungeniswa kwencwadana) lenza ityala kufuneka ligwetye isohlwayo okanye livalelwe ixesha elingadluliyo kwiminyaka emibini.
Intloko yombutho wabucala eye ngenkani okanye ngokungahoyi okukrwada yangayithobeli imimiselo yecandelo lama-51 (ukungeniswa kwencwadana) yenza ityala kufuneka igwetye isohlwayo okanye ivalelwe ixesha elingadluliyo kwiminyaka emibini.
iCandelo lama-24 lomThetho woLungiso lwesiBini kwiMicimbi yesiGwebo wama-55 ka-2004 lingena endaweni yecandelo lama-90 le-PAIA
ISIGABA SESI-8
iiThenda
Inkqubo yethenda kulapho abaniki nkonzo bamenywayo ukuba bafake izicelo ukuba banikeze inkonzo kumaziko karhulumente, kwaye bakhuphisanele ukunikwa ikontraki. Umzekelo, uMasipala we-Bua eFreyistata ukhupha ithenda yokuqokelelwa kwenkunkuma. AbezoThutho baka-Elly, abezoThutho baka-Bill kunye nabezoThutho baka-Cicily bangenisa ithenda. Emva kwenkqubo yokugweba, abezoThutho bakwa-Cicily bayakhethwa ke njengabaniki nkonzo yokuqokelela inkunkuma. Ingaba abaniki nkonzo abangaphumelelanga abezoThutho bakwa-Elly nabezoThutho bakwa-Billy bangasebenzisa i-PAIA ukucela ufikelelo kwiirekhodi zeKomiti yabaGwebi eyayihlalele ukukhethwa komniki nkonzo ophumeleleyo?
Impendulo ngu, ewe, banako. Nangona, ilungelo lofikelelo kulwazi njengawo onke amalungelo linemida. Oku kuthetha ukuba isicelo sokufikelela kwirekhodi sinokwaliwa ukuba kukho izizathu zokukwenza oko ngokwemigqaliselo ye-PAIA. Ukuba ngaba abaniki nkonzo abangaphumelelanga bafuna izizathu zokuba kutheni bengakhethwanga kwiKomiti yabaGwebi, ngoko ke kuyakufuneka ukuba basebenzise umthetho owohlukileyo,
Oko kukuthi. UmThetho wokuPhakanyiswa koLawulo lobuLungisa, 2000.
iiRekhodi kufezekiso lweenkonzo olungundoqo
UNosipho uhlala ezilalini kwaye ufuna ukuqonda ukuba kutheni ilali yakhe ingazifumaniyo iinkonzo ezihambisa amanzi ngelori kumasipala wakhe wengingqi. Wenza isicelo phantsi kwe-PAIA sokufumana uyilo lokuhanjiswa kwamanzi emizini kwilali yakhe. Unikwa uyilo phantsi kwe-PAIA, kwaye afumanise ukuba ngexa kukho olu yilo, abaqhubi beelori zamanzi khange bayinake ilali yakhe, kuba yayingekho endleleni yabo ngokwekontraki yomniki nkonzo welori ehambisa amanzi nomasipala. Oku kuziswa kwingqwalasela yamagosa kamasipala, aye ke acela abaqhubi belori yamanzi ukuba beme elalini kaNosipho ukuze abantu baselalini bafumane amanzi. Le yindlela enokusetyenziswa ngayo i-PAIA ukunceda abantu ukuba bafikelele kwiinkozo ezisisiseko.
iiRekhodi kulwabiwo lwezindlu ze-RDP
UTsakane wafaka isicelo sendlu ye-RDP kwiSebe leziNdlu lephondo ePolokwane ngo-2004. Zange afumane mpendulo kwisebe. Ngoku ufuna ukwazi ngamandla ukuba ukhona na kuluhlu lolwabiwo lwezindlu lwesebe. Ugqiba ekubeni asebenzise i-PAIA ukucela indlela esetyenziswayo kulwabiwo, kunye nokuba ingaba igama lakhe likuluhlu olulindeleyo na ngokunjalo noyilo kunye nexesha elimisiweyo lokwakhiwa kwezindlu ze-RDP. Ungenisa iFom A yakhe kwigosa lolwazi lesebe, kwaye ufumana impendulo yakhe kwiintsuku ezingama-30. Ekufumaneni ulwazi, ufumanisa ukuba igama lakhe alikho kuluhlu, nangona ehlangabezana nendlela esetyenziswayo ukukhetha. Ufumanisa ukuba ngenxa yempazamo kulawulo, igama lakhe lashiywa. Uye ke athethe ne-MEC yeziNdlu ePolokwane, eye imncedise ngokufakwa kwegama lakhe kuluhlu.
UKUZIHLOLA
Ndilucela njani ulwazi kwiqumrhu likarhulumente?
Kufuneka ndiyilindele ixesha elingakanani impendulo?
Ingaba kufuneka ndinike izizathu okanye ndikhombise ilungelo endinqwenela ukulikhusela okanye ndilisebenzise xa ndicela ulwazi kwiqumrhu labucala?
a ewe a hayi
Ndilucela njani ulwazi kwiqumrhu labucala?
Ingaba kufuneka ndinike izizathu okanye ndikhombise ilungelo endinqwenela ukulikhusela okanye ndilisebenzise xa ndicela ulwazi kwiqumrhu labucala?
b ewe c hayi
Yintoni endiyenzayo xa ndingonelisekanga ngesigqibo segosa lolwazi lesebe likarhulumente okanye apho intloko ingaphenduliyo kwisicelo sam?
a faka isicelo sophengululo b faka isicelo enkundleni c faka isibheno ngaphakathi d zonke ezi zingasentla e akukho nanye kwezingasentla
Ndisifaka kubani isibheno sangaphakathi?
a kwigosa lolwazi b kwisiphathamandla esifanelekileyo
Kufuneka sifakwe emva kweentsuku ezingaphi isibheno sangaphakathi?
Yintoni endiyezayo xa ndingonelisekanga sisigqibo segosa lolwazi lweKomishini yamaLungelo oluNtu, uMkhuseli woluNtu, uMphicothi-ziNcwadi Jikelele, iKomishini kuLingano ngokweSini okanye igosa lolwazi lwale mibutho lingasiphenduli isicelo sam?
a faka isicelo sophengululo b faka isicelo enkundleni c faka isibheno ngaphakathi d zonke ezi zingasentla e akukho nanye kwezingasentla
Yintoni endiyenzayo xa ndingonelisekanga ngesigqibo sentloko yequmrhu labucala okanye apho intloko ingaphenduliyo kwisicelo sam?
a faka isicelo enkundleni b faka isibheno ngaphakathi c zonke ezi zingasentla d akukho nanye kwezingasentla
Ingaba igosa lolwazi linganika ulwazi ngekhethe?
Ekufunyanweni kwefom yesicelo, kufuneka lenzeni igosa lolwazi xa lifumanisa ukuba alikho kulawulo okanye alinayo irekhodi eceliweyo?
Kwenzeka ntoni kwiimeko apho isiphathamandla esifanelekileyo sisilela ukwazisa ngesigqibo kwisibheno sangaphakathi? Kwaye, luncedo luni endinalo?
